-
-
Xhosa -
-
11
|JuÃzes 8:11|
Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.
-
12
|JuÃzes 8:12|
Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.
-
13
|JuÃzes 8:13|
Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,
-
14
|JuÃzes 8:14|
wabamba indodana yabantu baseSukoti, wayibuza; yambalela abathetheli baseSukoti, namadoda amakhulu akhona, amadoda amashumi asixhenxe anesixhenxe.
-
15
|JuÃzes 8:15|
Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?
-
16
|JuÃzes 8:16|
Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.
-
17
|JuÃzes 8:17|
Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.
-
18
|JuÃzes 8:18|
Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.
-
19
|JuÃzes 8:19|
Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendinganibulali.
-
20
|JuÃzes 8:20|
Wathi kuYetere owamazibulo kuye, SukÂ’ ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22