-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Provérbios 1:1|
Imizekeliso kaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wamaSirayeli, Yokuba kwaziwe ubulumko noqeqesho;
-
2
|Provérbios 1:2|
Yokuba kuqondwe iintetho zengqondo;
-
3
|Provérbios 1:3|
Yokuba kwamkelwe uqeqesho lwengqiqo, Ubulungisa, nesiko, nokuthe tye;
-
4
|Provérbios 1:4|
Yokuba izidenge zinikwe ubuqili, Ulutsha lunikwe ukwazi nokunkqangiyela;
-
5
|Provérbios 1:5|
Ukuze eve osisilumko, aqokele afunde, Oqondayo azuze amacebo obulumko;
-
6
|Provérbios 1:6|
Yokuba kuqondwe umzekeliso nezafobe zokuthetha, Amazwi ezilumko nezintsonkotha zazo.
-
7
|Provérbios 1:7|
Ukoyika uYehova kukuqala kokwazi; Ubulumko noqeqesho izimathane ziludelile.
-
8
|Provérbios 1:8|
Nyana wam, yiva uqeqesho lukayihlo, Ungawulahli umyalo kanyoko.
-
9
|Provérbios 1:9|
Kuba ezo zinto zisisangqawe esihle entlokweni yakho, Nezambalo emqaleni wakho.
-
10
|Provérbios 1:10|
Nyana wam, ukuba aboni bathe bakuhenda, Uze ungavumi ke.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21