-
-
Xhosa -
-
1
|Atos 1:1|
Eyokuqala imbali, Tiyofilo, ndayenza kambe ndibalisa ngezinto zonke awaqala ngazo uYesu ukuzenza kwanokuzifundisa,
-
2
|Atos 1:2|
kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule;
-
3
|Atos 1:3|
awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
-
4
|Atos 1:4|
Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;
-
5
|Atos 1:5|
ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.
-
6
|Atos 1:6|
Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?
-
7
|Atos 1:7|
Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.
-
8
|Atos 1:8|
Niya kwamkela ke amandla, akubonÂ’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.
-
9
|Atos 1:9|
Waza etshilo, bakubonÂ’ ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.
-
10
|Atos 1:10|
Bakuba beqwalasele ezulwini, akubonÂ’ ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21