-
-
Xhosa -
-
9
|JuÃzes 10:9|
Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.
-
10
|JuÃzes 10:10|
Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.
-
11
|JuÃzes 10:11|
Wathi uYehova koonyana bakaSirayeli, Ndibe ndinganisindisanga na kumaYiputa, nakuma-Amori, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti,
-
12
|JuÃzes 10:12|
nakumaTsidon, nakuma-Amaleki, nakumaMahon, abenixina; nakhala kum, ndanisindisa esandleni sawo?
-
13
|JuÃzes 10:13|
Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise.
-
14
|JuÃzes 10:14|
Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu.
-
15
|JuÃzes 10:15|
Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.
-
16
|JuÃzes 10:16|
Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.
-
17
|JuÃzes 10:17|
Babizeleka ndawonye oonyana baka-Amon, bamisa eGiliyadi. Bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bamisa eMizpa.
-
18
|JuÃzes 10:18|
Bathi abantu, abathetheli baseGiliyadi, omnye komnye, Ngubani na indoda eya kuqala ukulwa noonyana baka-Amon? Yoba yintloko yabemi bonke baseGiliyadi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22