-
-
Xhosa -
-
6
|JuÃzes 20:6|
Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benze amanyala nobudenge kwaSirayeli.
-
7
|JuÃzes 20:7|
Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.
-
8
|JuÃzes 20:8|
Besuka bonke abantu njengandoda-nye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe;
-
9
|JuÃzes 20:9|
ke ngoko, nantsi into esiya kwenza yona kwiGibheha; siya kwenza kuyo ngokweqashiso,
-
10
|JuÃzes 20:10|
sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli.
-
11
|JuÃzes 20:11|
Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye.
-
12
|JuÃzes 20:12|
Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu?
-
13
|JuÃzes 20:13|
Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
-
14
|JuÃzes 20:14|
Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.
-
15
|JuÃzes 20:15|
Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22