-
-
Xhosa -
-
10
|Tiago 4:10|
Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.
-
11
|Tiago 4:11|
Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.
-
12
|Tiago 4:12|
Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye?
-
13
|Tiago 4:13|
Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze;
-
14
|Tiago 4:14|
kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka.
-
15
|Tiago 4:15|
Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto.
-
16
|Tiago 4:16|
Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo akundawo.
-
17
|Tiago 4:17|
Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono.
-
1
|Tiago 5:1|
Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo.
-
2
|Tiago 5:2|
Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21