-
-
Xhosa -
-
3
|Eclesiastes 12:3|
loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile;
-
4
|Eclesiastes 12:4|
zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubonÂ’ ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma;
-
5
|Eclesiastes 12:5|
naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile, uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli;
-
6
|Eclesiastes 12:6|
ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni;
-
7
|Eclesiastes 12:7|
lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo.
-
8
|Eclesiastes 12:8|
Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge.
-
9
|Eclesiastes 12:9|
Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi.
-
10
|Eclesiastes 12:10|
INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso.
-
11
|Eclesiastes 12:11|
Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo asezintlanganiseleni, anikwe ngumalusi emnye.
-
12
|Eclesiastes 12:12|
Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22