-
-
Xhosa -
-
1
|Eclesiastes 7:1|
Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu.
-
2
|Eclesiastes 7:2|
Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko.
-
3
|Eclesiastes 7:3|
Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso.
-
4
|Eclesiastes 7:4|
Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo.
-
5
|Eclesiastes 7:5|
Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge.
-
6
|Eclesiastes 7:6|
Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge.
-
7
|Eclesiastes 7:7|
Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo.
-
8
|Eclesiastes 7:8|
Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo.
-
9
|Eclesiastes 7:9|
Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.
-
10
|Eclesiastes 7:10|
Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21