-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
7
|Deuteronômio 6:7|
Uze uwatsolise koonyana bakho, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekulaleni kwakho, nasekuvukeni kwakho;
-
8
|Deuteronômio 6:8|
uwabophe esandleni sakho abe ngumqondiso, abe zizikhumbuzo phakathi kwamehlo akho;
-
9
|Deuteronômio 6:9|
uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni akho.
-
10
|Deuteronômio 6:10|
Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga;
-
11
|Deuteronômio 6:11|
nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga; namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha:
-
12
|Deuteronômio 6:12|
uzigcine, hleze umlibale uYehova okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
-
13
|Deuteronômio 6:13|
UYehova uThixo wakho uze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.
-
14
|Deuteronômio 6:14|
Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;
-
15
|Deuteronômio 6:15|
ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.
-
16
|Deuteronômio 6:16|
Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21