-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
6
|Deuteronômio 21:6|
Onke amadoda amakhulu aloo mzi usondeleyo kobuleweyo ozihlamba izandla zawo phezu kwethokazi, elaphulwe intamo emfuleni apho;
-
7
|Deuteronômio 21:7|
aphendule, athi, Izandla zethu aziliphalazanga eli gazi, namehlo ethu akabonanga;
-
8
|Deuteronômio 21:8|
camagu, Yehova, kubantu bakho amaSirayeli owawakhululayo; musa ukubeka igazi elingenatyala phakathi kwabantu bakho amaSirayeli. Bolicanyagushelwa ke igazi.
-
9
|Deuteronômio 21:9|
Wolitshayela ke wena igazi elingenatyala, lingabikho phakathi kwakho, xa uthe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
-
10
|Deuteronômio 21:10|
Xa uthe waphuma, waya kulwa neentshaba zakho, wazinikela uYehova uThixo wakho esandleni sakho, wathimba abathinjwa kuzo,
-
11
|Deuteronômio 21:11|
wabona phakathi kwabathinjwa intokazi emzimba mhle, wathana nca nayo, wayizeka yaba ngumkakho:
-
12
|Deuteronômio 21:12|
woyingenisa phakathi endlwini yakho, ichebe intloko yayo, inqumle iinzipho zayo,
-
13
|Deuteronômio 21:13|
iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.
-
14
|Deuteronômio 21:14|
Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.
-
15
|Deuteronômio 21:15|
Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22