-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
8
|Deuteronômio 27:8|
uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi alo myalelo kakuhle.
-
9
|Deuteronômio 27:9|
UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;
-
10
|Deuteronômio 27:10|
uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.
-
11
|Deuteronômio 27:11|
UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,
-
12
|Deuteronômio 27:12|
Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:
-
13
|Deuteronômio 27:13|
aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
-
14
|Deuteronômio 27:14|
Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
-
15
|Deuteronômio 27:15|
Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
-
16
|Deuteronômio 27:16|
Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
-
17
|Deuteronômio 27:17|
Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21