-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
22
|Deuteronômio 28:22|
UYehova wokubetha ngesifo sephepha, nangecesina, nangokurhala, nangokuvutha komzimba, nangekrele, nangembabala, nangexoshomba, zikusukele ezo nto ude ubhubhe.
-
23
|Deuteronômio 28:23|
Izulu lakho eliphezu kwentloko yakho loba lubhedu, umhlaba ophantsi kwakho ube sisinyithi.
-
24
|Deuteronômio 28:24|
UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.
-
25
|Deuteronômio 28:25|
UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;
-
26
|Deuteronômio 28:26|
isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe. kungabikho bani uphekuzayo.
-
27
|Deuteronômio 28:27|
UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.
-
28
|Deuteronômio 28:28|
UYehova wokubetha ngokubhuda nangobumfama, nangokuphambana ingqondo,
-
29
|Deuteronômio 28:29|
uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.
-
30
|Deuteronômio 28:30|
Woziganela umfazi, alalwe ndoda yimbi; woyakha indlu ungayihlali; wotyala isidiliya ungasidli.
-
31
|Deuteronômio 28:31|
Yoxhelwa inkomo yakho ukhangele, ungayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21