-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
15
|Deuteronômio 30:15|
Khangela, ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi;
-
16
|Deuteronômio 30:16|
ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulime.
-
17
|Deuteronômio 30:17|
Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza:
-
18
|Deuteronômio 30:18|
ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.
-
19
|Deuteronômio 30:19|
Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;
-
20
|Deuteronômio 30:20|
ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.
-
1
|Deuteronômio 31:1|
Waya uMoses, wawathetha la mazwi kumaSirayeli onke,
-
2
|Deuteronômio 31:2|
wathi kuwo, Ndiminyaka ilikhulu elinamanci mabini namhla ndizelwe. Andisenako ukuphuma nokungena; noYehova uthe kum, Akusayi kuyiwela le Yordan.
-
3
|Deuteronômio 31:3|
NguYehova uThixo wakho owela phambi kwakho; wozitshabalalisa ezo ntlanga phambi kwakho, uzithimbe. NguYoshuwa owela phambi kwakho, njengoko wathethayo uYehova.
-
4
|Deuteronômio 31:4|
Uya kwenza uYehova kuzo njengoko wenzayo kuSihon nakuOgi, ookumkani bama-Amori, nakwilizwe labo, awabatshabalalisayo;
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21