-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|1 Crônicas 13:1|
Wacebisana uDavide nabathetheli bamawaka nabamakhulu, iinganga zonke.
-
2
|1 Crônicas 13:2|
Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;
-
3
|1 Crônicas 13:3|
siyiguqulele kuthi ityeya kaThixo wethu; ngokuba asibuzisanga kuyo ngeemini zikaSawule.
-
4
|1 Crônicas 13:4|
Lathi lonke ibandla, Makwenjiwe njalo; ngokuba lalilungile elo zwi emehlweni abantu bonke.
-
5
|1 Crônicas 13:5|
Wawabizela ndawonye ke uDavide onke amaSirayeli, wathabathela eShihore yaseYiputa, wada wasa ekungeneni eHamati, ukuba ayithabathe ityeya kaThixo eKiriyati-yeharim.
-
6
|1 Crônicas 13:6|
Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini, igama lokunqulwa kwakhe.
-
7
|1 Crônicas 13:7|
Bayikhwelisa ityeya kaThixo enqwelweni entsha, ukuphuma endlwini ka-Abhinadabhi; u-Uza noAhiyo bayiqhuba inqwelo.
-
8
|1 Crônicas 13:8|
UDavide namaSirayeli onke baqamba phambi koYehova ngamandla onke, ngeengoma, nangeehadi, nangemirhubhe, nangeengqongqo, nangamacangci nangamaxilongo.
-
9
|1 Crônicas 13:9|
Baya bafika esandeni sikaKidon; u-Uza wasa isandla sakhe, wayibamba ityeya; ngokuba iinkomo beziyigungqisa.
-
10
|1 Crônicas 13:10|
Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza, wambetha ngenxa enokuba wasa isandla sakhe etyeyeni; wafela khona phambi koThixo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22