-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
21
|1 Crônicas 23:21|
Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
-
22
|1 Crônicas 23:22|
Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.
-
23
|1 Crônicas 23:23|
Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYeremoti; bathathu.
-
24
|1 Crônicas 23:24|
Ngabo abo oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, iintloko zezindlu zooyise ngokwababalwayo kubo, ngenani lamagama ngokweentloko zabo, besenza imisebenzi yenkonzo yendlu kaYehova, bethabathela kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
-
25
|1 Crônicas 23:25|
Ngokuba uDavide ubesithi, UYehova, uThixo kaSirayeli, ubaphumzile abantu bakhe; uhleli eYerusalem kude kuse ephakadeni.
-
26
|1 Crônicas 23:26|
Kananjalo ke abaLevi akusafuneki ukuba bawuthwale umnquba, neempahla zawo zonke zenkonzo yawo.
-
27
|1 Crônicas 23:27|
Ngokuba ngokwamazwi kaDavide okugqibela, babalwa oonyana bakaLevi, abathabathele kwabaminyaka imashumi mabini bezelwe, kwenyusa.
-
28
|1 Crônicas 23:28|
Ngokuba ukuma kwabo kwaba ngasesandleni soonyana baka-Aron, enkonzweni yendlu kaYehova ezintendelezweni, nasemagumbini, nasekuhlanjululweni kwezinto zonke ezingcwele, nasemsebenzini wenkonzo yendlu kaThixo:
-
29
|1 Crônicas 23:29|
owezonka ezikrozileyo, nowomgubo ocoliweyo, nowomnikelo wokudla, nowezonkana ezisicaba ezingenagwele, nowezojiweyo ngepani, nowento ekroqiweyo, nowokulinganisa konke ngokukha nangobude;
-
30
|1 Crônicas 23:30|
nowokuma imiso ngemiso, bebulela kuye, bemdumisa uYehova, besenjenjalo nangokuhlwa;
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21