-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
4
|Deuteronômio 34:4|
Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.
-
5
|Deuteronômio 34:5|
Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova.
-
6
|Deuteronômio 34:6|
Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla.
-
7
|Deuteronômio 34:7|
UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela.
-
8
|Deuteronômio 34:8|
Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imilula emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.
-
9
|Deuteronômio 34:9|
Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe uMoses wamwisela umthetho ngako.
-
10
|Deuteronômio 34:10|
Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni;
-
11
|Deuteronômio 34:11|
ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;
-
12
|Deuteronômio 34:12|
nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21