-
-
Xhosa -
-
27
|Eclesiastes 7:27|
Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga;
-
28
|Eclesiastes 7:28|
obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga.
-
29
|Eclesiastes 7:29|
Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi.
-
1
|Eclesiastes 8:1|
Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.
-
2
|Eclesiastes 8:2|
Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.
-
3
|Eclesiastes 8:3|
Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.
-
4
|Eclesiastes 8:4|
Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?
-
5
|Eclesiastes 8:5|
Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;
-
6
|Eclesiastes 8:6|
ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;
-
7
|Eclesiastes 8:7|
ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21