-
-
Xhosa -
-
1
|Efésios 6:1|
Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
-
2
|Efésios 6:2|
Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
-
3
|Efésios 6:3|
ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
-
4
|Efésios 6:4|
Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
-
5
|Efésios 6:5|
Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe.
-
6
|Efésios 6:6|
Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,
-
7
|Efésios 6:7|
nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;
-
8
|Efésios 6:8|
nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba uNonzi nokuba ungokhululekileyo.
-
9
|Efésios 6:9|
Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
-
10
|Efésios 6:10|
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21