-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
1
|Gênesis 49:1|
Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
-
2
|Gênesis 49:2|
Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
-
3
|Gênesis 49:3|
Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
-
4
|Gênesis 49:4|
Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
-
5
|Gênesis 49:5|
USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
-
6
|Gênesis 49:6|
Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
-
7
|Gênesis 49:7|
Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
-
8
|Gênesis 49:8|
Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
-
9
|Gênesis 49:9|
Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
-
10
|Gênesis 49:10|
Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21