-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
23
|Gênesis 27:23|
Akamnakana ke, kuba izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.
-
24
|Gênesis 27:24|
Wathi, Wena lo ungunyana wam uEsawu na? Wathi yena, Ndinguye.
-
25
|Gênesis 27:25|
Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.
-
26
|Gênesis 27:26|
Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam.
-
27
|Gênesis 27:27|
Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi, Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.
-
28
|Gênesis 27:28|
Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;
-
29
|Gênesis 27:29|
Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Usikelelwe okusikelelayo.
-
30
|Gênesis 27:30|
Kwathi, akubonÂ’ ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe.
-
31
|Gênesis 27:31|
Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
-
32
|Gênesis 27:32|
Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22