-
-
Xhosa -
-
41
|João 8:41|
Nina nenza imisebenzi yooyihlo. Athi ngoko kuye, Thina asizelwe ngabuhenyu, sinaBawo mnye, uThixo.
-
42
|João 8:42|
Uthe ke uYesu kuwo, Ukuba uThixo ebenguYihlo, ninge nindithanda; kuba mna ndaphuma kuThixo, ndifikile ke; kuba andizanga ngokwam, nguye owandithumayo.
-
43
|João 8:43|
Kungani na ukuba ningayiqondi intetho yam? Kungokuba ningenakuliva ilizwi lam.
-
44
|João 8:44|
Nina ningaboyihlo uMtyholi, neenkanuko zoyihlo niyathanda ukuzenza. Yena waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni; akemi enyanisweni, ngokuba akukho nyaniso kuye. Xa sukuba ethetha ubuxoki, uthetha okukokwakhe; ngokuba ulixoki, noyise wawo.
-
45
|João 8:45|
Mna ke, ngokuba ndithetha inyaniso, anikholwa ndim.
-
46
|João 8:46|
Ngubani na kuni ondohlwayayo ngenxa yesono? Ukuba ke ndithetha inyaniso, kungani na ukuba ningakholwa ndim?
-
47
|João 8:47|
Lowo ungokaThixo, uyaweva amazwi kaThixo; ngenxa yoko aniweva nina, ngokuba ningengabakaThixo.
-
48
|João 8:48|
Aphendula ngoko amaYuda, athi kuye, Asilungisi na thina ukuthi ungumSamariya wena, nokuthi unedemon?
-
49
|João 8:49|
Waphendula uYesu wathi, Andinademon mna; ndibeka uBawo; nina ke nibe nindihlaza.
-
50
|João 8:50|
Mna ke andifuni luzuko lwam; ukho lowo ufunayo, ugwebayo.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22