-
-
Xhosa -
-
21
|Neemias 11:21|
Ke abakhonzi betempile babehlala eOfele; abakhonzi abo betempile babephethwe nguTsiha noGishpa.
-
22
|Neemias 11:22|
Umphathi wabaLevi eYerusalem ibingu-Uzi unyana kaBhani, unyana kaHashabhiya, unyana kaMataniya, unyana kaMika koonyana baka-Asafu, iimvumi, malunga nomsebenzi wendlu kaThixo.
-
23
|Neemias 11:23|
Ngokuba umthetho wokumkani ubuphezu kwabo, nomnqophiso wenene ubuphezu keemvumi malunga nento yemini ngangemini yayo.
-
24
|Neemias 11:24|
UPetaya unyana kaMeshezabheli, koonyana bakaZera, unyana kaYuda, ubesisandla sokumkani ezintweni zonke zabantu.
-
25
|Neemias 11:25|
Emizini nasemaphandleni ayo kwahlala inxenye yoonyana bakaYuda eKiriyati ka-Arbha namagxamesi ayo, naseDibhon namagxamesi ayo, naseKabhetseli nemizi yayo,
-
26
|Neemias 11:26|
naseYeshuwa, naseMolada, naseBhete-palete,
-
27
|Neemias 11:27|
naseHatsore-shuwali, naseBher-shebha namagxamesi ayo,
-
28
|Neemias 11:28|
naseTsikelage, naseMekona namagxamesi ayo,
-
29
|Neemias 11:29|
nase-Enrimon, naseTsora, naseYarmuti,
-
30
|Neemias 11:30|
naseZanowa, naseAdulam namagxamesi ayo, naseLakishe, nasemaphandleni ayo, naseAzeka namagxamesi ayo. Bahlala ke, bathabathela eBher-shebha besa emfuleni wakwaHinom.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 22-22