-
-
Xhosa -
-
1
|Oséias 6:1|
Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha.
-
2
|Oséias 6:2|
Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe.
-
3
|Oséias 6:3|
Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe.
-
4
|Oséias 6:4|
Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa.
-
5
|Oséias 6:5|
Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya.
-
6
|Oséias 6:6|
Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo.
-
7
|Oséias 6:7|
Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho.
-
8
|Oséias 6:8|
IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi.
-
9
|Oséias 6:9|
Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala.
-
10
|Oséias 6:10|
Endlwini kaSirayeli ndibone into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21