-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
21
|Deuteronômio 1:21|
Khangela, uYehova uThixo wakho ulinikele kuwe ilizwe elo: nyuka wakhe kulo, njengoko wathethayo uYehova uThixo wooyihlo kuwe. Musa ukoyika, ungakwantyi nokunkwantya.
-
22
|Deuteronômio 1:22|
Nasondela ke kum nina aba nonke, nathi, Masisuse amadoda, asandulele, asihlolele ilizwe elo, asizisele ilizwi lendlela esonyuka ngayo, nemizi esofika kuyo.
-
23
|Deuteronômio 1:23|
Lalunga ke elo zwi emehlweni am, ndathabatha kuni amadoda alishumi elinamabini, indoda yanye esizweni.
-
24
|Deuteronômio 1:24|
Ajika ke, enyuka aya entabeni, ada afika esihlanjeni sakwaEshkoli, asihlola.
-
25
|Deuteronômio 1:25|
Athabatha isiqhamo selo zwe ngesandla sawo, asiphathela, asizisela ilizwi, athi, Lilizwe elihle asinikayo uYehova uThixo wethu.
-
26
|Deuteronômio 1:26|
Kanti noko anivumanga kunyuka, nawuphikisa umlomo kaYehova uThixo wenu.
-
27
|Deuteronômio 1:27|
Nakrokra ezintenteni zenu, nathi, Wasikhupha kuba esithiyile uYehova ezweni laseYiputa, ukuze asinikele esandleni sama-Amori, asitshabalalise.
-
28
|Deuteronômio 1:28|
Siya kunyukela phi na? Abazalwana bethu bazinyibilikisile iintliziyo zethu, besithi, Abantu bakhulu, bade kunathi; imizi mikhulu, inqatyisiwe yada yesa ezulwini; kananjalo noonyana baka-Anaki sibabone khona.
-
29
|Deuteronômio 1:29|
Ndathi ke kuni, Ize ningangcangcazeli, ningaboyiki.
-
30
|Deuteronômio 1:30|
NguYehova uThixo wenu, ohamba phambi kwenu. Yena wonilwela, njengako konke awanenzelayo eYiputa emehlweni enu;
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21