-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
31
|Deuteronômio 1:31|
nasentlango, apho wakubonayo ukukuthwala kukaYehova uThixo wakho, njengomntu ethwele unyana wakhe, ngendlela yonke enahamba ngayo, nada naza kufika kule ndawo.
-
32
|Deuteronômio 1:32|
Kanti ke nakwelo zwi anikholwanga nguYehova uThixo wenu,
-
33
|Deuteronômio 1:33|
ohamba phambi kwenu endleleni, ukuba anihlolele indawo yokumisa iintente zenu, ngomlilo ebusuku; anibonise indlela enohamba ngayo, ngelifu emini.
-
34
|Deuteronômio 1:34|
Waliva uYehova ilizwi lokuthetha kwenu, wanoburhalarhume, wafunga, esithi,
-
35
|Deuteronômio 1:35|
Akukho ndoda, kula madoda esi sizukulwana singendawo, iya kukha ilibone ilizwe elihle, elo ndafungayo ukuba ndolinika ooyihlo,
-
36
|Deuteronômio 1:36|
ingenguKalebhi unyana kaYefune; wolibona yena. Ndiya kumnika ilizwe awanyathela phezu kwalo, yena noonyana bakhe, ngenxa enokuba emlandele kwaphela uYehova.
-
37
|Deuteronômio 1:37|
Kanjalo uYehova wandifuthela nam ngenxa yenu, wathi, Nawe lo akuyi kungena khona.
-
38
|Deuteronômio 1:38|
UYoshuwa unyana kaNun, oma phambi kwakho, nguye owongena khona; momeleze, ngokuba yena wowadlisa ilifa elo amaSirayeli.
-
39
|Deuteronômio 1:39|
Ke iintsatshana zenu, enibe nisithi zoba lixhoba, nabantwana benu abangakwaziyo namhla okulungileyo nokubi, bona bongena khona; ndolinika bona beme kulo.
-
40
|Deuteronômio 1:40|
Ke nina jikani, ninduluke niye entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21