-
Leia por capÃtulos
-
Xhosa -
-
3
|Deuteronômio 33:3|
Inene, uyazithanda izizwe. Bonke abangcwele bakhe basesandleni sakho, Bahlala ezinyaweni zakho, Besuke ngamazwi akho.
-
4
|Deuteronômio 33:4|
UMoses wasiwisela umyalelo, Ilifa ke elo lebandla lakwaYakobi.
-
5
|Deuteronômio 33:5|
Waba ngukumkani kwaYeshurun, Ekuzihlanganiseni iintloko zabantu, Izizwe zakwaSirayeli zindawonye.
-
6
|Deuteronômio 33:6|
URubhen makadle ubomi, angafi; Angabi mbalwa amadoda akhe.
-
7
|Deuteronômio 33:7|
Le yintsikelelo kaYuda, wathi, Yiva, Yehova, izwi likaYuda, Umngenise kubantu bakowabo; Uyabalwela ngezandla zakhe; Umnceda wena kubabandezeli bakhe.
-
8
|Deuteronômio 33:8|
Wathi ngoLevi, IiTumim zakho neeUrim zakho zezomntu wakho wenceba, Owamlingayo eMasa, Wabambana naye emanzini aseMeribha.
-
9
|Deuteronômio 33:9|
Lowo uthi kuyise nakunina, Andikuboni; Akatheni nabazalwana bakhe, Akabazi noonyana bakhe; Ngokuba egcine intetho yakho, Wabamba umnqophiso wakho.
-
10
|Deuteronômio 33:10|
Baya kumyala uYakobi ngamasiko akho, Bamyale uSirayeli ngomyalelo wakho, Babeke isiqhumiso ezimpumlweni zakho, Namadini apheleleyo esibingelelweni sakho.
-
11
|Deuteronômio 33:11|
Sikelela, Yehova, amandla akhe, Ukholeke kuwe umsebenzi wezandla zakhe. Baphaluswe emanqeni abavukelana naye, Nabamthiyileyo bangabi nakuvuka.
-
12
|Deuteronômio 33:12|
NgoBhenjamin wathi, Intanda kaYehova iya kuhlala kuye ikholosile; Uyikhusele imini yonke, Ihlala phakathi kwamagxa akhe.
-
-
Sugestões

Clique para ler Apocalipse 21-21