-
-
Xhosa
-
-
11
|1 Pedro 3:11|
Makaphambuke ebubini, enze okulungileyo; Makafune uxolo, aluphuthume.
-
12
|1 Pedro 3:12|
Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, Neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo; Ke ubuso beNkosi buphezu kwabenza okubi.
-
13
|1 Pedro 3:13|
Kananjalo ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?
-
14
|1 Pedro 3:14|
Nokuba nithe neva ubunzima ngenxa yobulungisa, ninoyolo; musani ukoyika ngokoyikisa kwabo, ningakhathazeki nokukhathazeka.
-
15
|1 Pedro 3:15|
INkosi ke uThixo yingcwaliseni ezintliziyweni zenu, nihlale ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali noloyiko;
-
16
|1 Pedro 3:16|
ninesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.
-
17
|1 Pedro 3:17|
Ukuba ke kungaba kukuthanda kukaThixo ukuba nive ubunzima, okona kunilungeleyo kukubuva nisenza okulungileyo, kunokubuva nisenza okubi.
-
18
|1 Pedro 3:18|
Ngokuba noKristu wabuva kwakanye ubunzima ngenxa yezono, ilungisa lisiva ubunzima ngenxa yabangemalungisa, ukuze asisondeze kuye uThixo; ebulewe okunene esenyameni, kodwa edliswe ubomi ekuwo umoya.
-
19
|1 Pedro 3:19|
Awathi ekuwo, waya washumayela koomoya abasekukhonkxweni,
-
20
|1 Pedro 3:20|
ababefudula bengeva, xenikweni ukuzeka kade umsindo kukaThixo kwakulindile ngemihla kaNowa, kwakubonÂ’ ukuba kulungiswa umkhombe, ekwasindiselwa kuwo imiphefumlo embalwa, oko kukuthi esibhozo, ngamanzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7