-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 1:1|
Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.
-
2
|Juan 1:2|
Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo.
-
3
|Juan 1:3|
Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.
-
4
|Juan 1:4|
Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.
-
5
|Juan 1:5|
Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama abaluqiqa.
-
6
|Juan 1:6|
Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.
-
7
|Juan 1:7|
Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.
-
8
|Juan 1:8|
Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
-
9
|Juan 1:9|
Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.
-
10
|Juan 1:10|
Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10