-
-
Xhosa
-
-
1
|Juan 2:1|
Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.
-
2
|Juan 2:2|
Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.
-
3
|Juan 2:3|
Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.
-
4
|Juan 2:4|
Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam.
-
5
|Juan 2:5|
Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.
-
6
|Juan 2:6|
Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate ezimbini nantathu.
-
7
|Juan 2:7|
Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.
-
8
|Juan 2:8|
Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.
-
9
|Juan 2:9|
Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.
-
10
|Juan 2:10|
Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38