-
-
Xhosa
-
-
1
|Joel 1:1|
Ilizwi likaYehova elafika kuYoweli, unyana kaPetuweli.
-
2
|Joel 1:2|
Yivani oku, nina madoda makhulu, nibeke iindlebe, nonke bemi belizwe; kwakha kwakho na oku ngemihla yenu, nangemihla yooyihlo?
-
3
|Joel 1:3|
Kuxeleni koonyana benu, oonyana benu bakuxele koonyana babo, oonyana babo bakuxele kwisizukulwana esisemva kwabo.
-
4
|Joel 1:4|
Okushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi, okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi, okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi.
-
5
|Joel 1:5|
Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu.
-
6
|Joel 1:6|
Kuba ezweni lakowethu kunyuke uhlanga olunamandla, olungenakubalwa; amazinyo alo ngamazinyo engonyama, nawemihlathi alo ngawengonyamakazi.
-
7
|Joel 1:7|
Luwubhuqile umdiliya wam, lwawuvikiva umkhiwane wam; luwuchuhe kwathi tu, lwawulahla; amasebe awo asuka aba mhlophe.
-
8
|Joel 1:8|
Bhomboloza njengentombi ebhinqe ezirhwexayo, ngenxa yendoda yobutsha bayo.
-
9
|Joel 1:9|
Unqamkile endlwini kaYehova umnikelo wokudla nothululwayo; benza isijwili ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova.
-
10
|Joel 1:10|
Abhuqiwe amasimi, umhlaba wenza isijwili; kuba ibhuqiwe ingqolowa, itshile iwayini entsha, ioli yomile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10