-
-
Xhosa
-
-
21
|Joel 2:21|
Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu.
-
22
|Joel 2:22|
Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo.
-
23
|Joel 2:23|
Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni.
-
24
|Joel 2:24|
Zozala izanda yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela.
-
25
|Joel 2:25|
Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu.
-
26
|Joel 2:26|
Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;
-
27
|Joel 2:27|
nazi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangadani abantu bam naphakade.
-
28
|Joel 2:28|
Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono.
-
29
|Joel 2:29|
Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla.
-
30
|Joel 2:30|
Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10