-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 1:1|
Bethe nje ke abaninzi bazamela ukucacisa ibali lezo zinto ziziziganeko phakathi kwethu,
-
2
|Lucas 1:2|
njengoko basinikelayo abo, bathi kwasekuqaleni baba ngababoneli nabakhonzi balo ilizwi:
-
3
|Lucas 1:3|
kwabonakala kulungile nakum, ndizilandile nje ngokucokisekileyo zonke, ndizekela kwasentloko, ukuba ndikubhalele ngokucacileyo, Tiyofilo odume kunene,
-
4
|Lucas 1:4|
ukuze uyazi kakuhle ingqiniseko yamazwi owafundisiweyo ngomlomo.
-
5
|Lucas 1:5|
Ngemihla kaHerode ukumkani wakwaYuda, kwaye kukho umbingeleli othile, ogama linguZekariya, engoweqela lika-Abhiya, nomfazi wakhe engowasezintombini zika-Aron, igama lakhe linguElizabhete.
-
6
|Lucas 1:6|
Bebengamalungisa ke bobabini emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo yeNkosi, bengenakusoleka.
-
7
|Lucas 1:7|
Baye bengenamntwana, ngokokuba uElizabhete ebengazali, kanjalo bobabini babesebekhulile.
-
8
|Lucas 1:8|
Kwathi ke kaloku, ekubuphatheni ububingeleli bakhe ngexesha leqela lakhe phambi koThixo,
-
9
|Lucas 1:9|
ngokwesiko lobubingeleli, kwaba liqashiso lakhe ukuba aqhumise ubulawu, akuba engene endaweni engcwele yeNkosi.
-
10
|Lucas 1:10|
Yaye yonke inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngelixa lesiqhumiso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10