-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 17:1|
Wathi ke kubo abafundi, Azinakuba zingezi izikhubekiso; yeha ke, loo mntu ziza ngaye!
-
2
|Lucas 17:2|
Angasizakala kanye, ethe wagangxwa ilitye lokusila entanyeni yakhe, wajulelwa elwandle, kunokuba akhubekise noko amnye kwaba bancinane.
-
3
|Lucas 17:3|
Zilumkeleni; ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, mkhalimele; ukuba uthe waguquka, mxolele.
-
4
|Lucas 17:4|
Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi, Ndiyaguquka, wothi umxolele.
-
5
|Lucas 17:5|
Abapostile bathi eNkosini, Songezelele ukholo.
-
6
|Lucas 17:6|
Ithe ke iNkosi, Ukuba beninokholo olunjengokhozo lwemostade, beningathi kulo mthombe, Ncothuka, utyaleke phakathi elwandle; uze unive.
-
7
|Lucas 17:7|
Ngubani na ke kuni, enomkhonzi elima, mhlawumbi esalusa, oya kuthi, akungena evela entsimini, athi kwaoko kuye, Yiza uhlale phantsi;
-
8
|Lucas 17:8|
ongayi kuthi kanye kuye, Lungisa into endiya kuyidla, uze ubhinqe, undilungiselele, ndide ndidle ndisele; wothi emva koko udle usele nawe?
-
9
|Lucas 17:9|
Anganombulelo kuloo mkhonzi yini na, ngokuba enze izinto azimiselweyo? Anditsho mna.
-
10
|Lucas 17:10|
Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazenza zonke izinto enazimiselwayo, Yithini, Singabakhonzi abangancedi lutho; ngokuba sanele ukwenza oko besimelwe kukuthi sikwenze.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7