-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 19:1|
Waye engene uYesu, ecanda eYeriko.
-
2
|Lucas 19:2|
Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona.
-
3
|Lucas 19:3|
Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane.
-
4
|Lucas 19:4|
Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho.
-
5
|Lucas 19:5|
Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho.
-
6
|Lucas 19:6|
Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya.
-
7
|Lucas 19:7|
Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni.
-
8
|Lucas 19:8|
Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kane.
-
9
|Lucas 19:9|
Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;
-
10
|Lucas 19:10|
kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10