-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 19:11|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko.
-
12
|Lucas 19:12|
Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye.
-
13
|Lucas 19:13|
Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike.
-
14
|Lucas 19:14|
Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu.
-
15
|Lucas 19:15|
Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na.
-
16
|Lucas 19:16|
Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi.
-
17
|Lucas 19:17|
Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi.
-
18
|Lucas 19:18|
Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu.
-
19
|Lucas 19:19|
Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu
-
20
|Lucas 19:20|
Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19