-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 3:1|
Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene,
-
2
|Lucas 3:2|
ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango.
-
3
|Lucas 3:3|
Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono;
-
4
|Lucas 3:4|
njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.
-
5
|Lucas 3:5|
Yonke imifula iya kudityelelwa, Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa, Neendawo ezigoso ziya kuthi tye, Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo;
-
6
|Lucas 3:6|
Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo.
-
7
|Lucas 3:7|
Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
-
8
|Lucas 3:8|
Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
-
9
|Lucas 3:9|
Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
-
10
|Lucas 3:10|
Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10