-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 3:11|
Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenayo: nalowo unokudla, makenjenjalo.
-
12
|Lucas 3:12|
Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na?
-
13
|Lucas 3:13|
Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo.
-
14
|Lucas 3:14|
Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, ningadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu.
-
15
|Lucas 3:15|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu,
-
16
|Lucas 3:16|
waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena;
-
17
|Lucas 3:17|
omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo.
-
18
|Lucas 3:18|
Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini.
-
19
|Lucas 3:19|
Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, ohlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode,
-
20
|Lucas 3:20|
wongezelela nale kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7