-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 10:1|
Ke kaloku, emveni kwezi zinto, iNkosi yabalula yamisela abanye kanjalo, bemashumi asixhenxe; yabathuma ngababini phambi kobuso bayo, kuyo yonke imizi neendawo ebiza kuya kuzo yona.
-
2
|Lucas 10:2|
Yayisithi ngoko kubo, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa; khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
-
3
|Lucas 10:3|
Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.
-
4
|Lucas 10:4|
Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni.
-
5
|Lucas 10:5|
Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.
-
6
|Lucas 10:6|
Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.
-
7
|Lucas 10:7|
Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.
-
8
|Lucas 10:8|
Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banamkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;
-
9
|Lucas 10:9|
niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.
-
10
|Lucas 10:10|
Emzini enisukuba ningena kuwo, baneli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7