-
-
Xhosa
-
-
1
|Lucas 14:1|
Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.
-
2
|Lucas 14:2|
Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.
-
3
|Lucas 14:3|
Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona.
-
4
|Lucas 14:4|
Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.
-
5
|Lucas 14:5|
Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?
-
6
|Lucas 14:6|
Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.
-
7
|Lucas 14:7|
Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; wathi kubo,
-
8
|Lucas 14:8|
Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,
-
9
|Lucas 14:9|
eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.
-
10
|Lucas 14:10|
Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7