-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 1:1|
Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo.
-
2
|Marcos 1:2|
Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
-
3
|Marcos 1:3|
Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo!
-
4
|Marcos 1:4|
Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono.
-
5
|Marcos 1:5|
Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo.
-
6
|Marcos 1:6|
Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle.
-
7
|Marcos 1:7|
Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe.
-
8
|Marcos 1:8|
Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.
-
9
|Marcos 1:9|
Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho.
-
10
|Marcos 1:10|
Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10