-
-
Xhosa
-
-
16
|Marcos 2:16|
Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni?
-
17
|Marcos 2:17|
Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.
-
18
|Marcos 2:18|
Baye abafundi bakaYohane nababaFarisi bezila ukudla; beze bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane nababaFarisi bazile ukudla, kanti ke abakho abafundi abakuzili bona?
-
19
|Marcos 2:19|
Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukuzila ukudla, xa anabo umyeni? Lo gama wonke asekubo umyeni, abanako ukuzila ukudla.
-
20
|Marcos 2:20|
Ke kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni; baya kwandula ke ukuzila ngaloo mihla.
-
21
|Marcos 2:21|
Akukho uthungela isiziba somchako omtsha engutyeni endala; okanye ke eso sifakiweyo, sitsha, sokrazula kuyo endala, sibe sibi ngokunye isikroba.
-
22
|Marcos 2:22|
Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye iwayini, leyo intsha, yozigqabhuza iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha imelwe kukuthiwa ezintsubeni ezintsha.
-
23
|Marcos 2:23|
Kwathi ehamba ecanda emasimini ngesabatha, baqala abafundi bakhe ukuhamba besikha izikhwebu.
-
24
|Marcos 2:24|
Baye besithi kuye abaFarisi, Khangela, yini na ukuba benze ngemini yesabatha oko kungavumelekileyo?
-
25
|Marcos 2:25|
Wathi yena kubo; Anizanga niyilese na into awayenzayo uDavide, oko wayeswele, elambile nokulamba, yena nabo babenaye?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7