-
-
Xhosa
-
-
41
|Marcos 1:41|
UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka.
-
42
|Marcos 1:42|
Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka.
-
43
|Marcos 1:43|
Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko.
-
44
|Marcos 1:44|
Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.
-
45
|Marcos 1:45|
Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke.
-
1
|Marcos 2:1|
Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya,
-
2
|Marcos 2:2|
Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi.
-
3
|Marcos 2:3|
Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabane.
-
4
|Marcos 2:4|
Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.
-
5
|Marcos 2:5|
Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7