-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 5:1|
Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara.
-
2
|Marcos 5:2|
Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni,
-
3
|Marcos 5:3|
obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane;
-
4
|Marcos 5:4|
ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa.
-
5
|Marcos 5:5|
Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye.
-
6
|Marcos 5:6|
Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye,
-
7
|Marcos 5:7|
wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi.
-
8
|Marcos 5:8|
Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo.
-
9
|Marcos 5:9|
Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.
-
10
|Marcos 5:10|
Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7