-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 10:1|
Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Kubuya kuhlanganiselane izihlwele kuye; ubesithi ke, njengoko ebeqhele ngako, abuye azifundise.
-
2
|Marcos 10:2|
Bafika abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo; batsho bemlinga.
-
3
|Marcos 10:3|
Waphendula ke wathi kubo, UMoses waniwisela mthetho mni na?
-
4
|Marcos 10:4|
Bathi bona, UMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala.
-
5
|Marcos 10:5|
Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho;
-
6
|Marcos 10:6|
kodwa kwasekuqalekeni kokudalwa, uThixo wabenza bayindoda nenkazana.
-
7
|Marcos 10:7|
Ngenxa yoko umntu uyakushiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe;
-
8
|Marcos 10:8|
baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye.
-
9
|Marcos 10:9|
Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
-
10
|Marcos 10:10|
Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7