-
-
Xhosa
-
-
31
|Marcos 10:31|
Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
-
32
|Marcos 10:32|
Ke kaloku babesendleleni, benyuka besiya eYerusalem; waye uYesu ehamba phambi kwabo; baye bethe qhiphu umbilini, balandela besoyika. Wabuya wabathabatha abalishumi elinababini waqala ukubaxelela izinto eziza kumhlela, esithi,
-
33
|Marcos 10:33|
Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu, nakubabhali; baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga.
-
34
|Marcos 10:34|
Ziya kudlala ngaye, zimtyakatye, zimtshicele, zimbulale; aze athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
-
35
|Marcos 10:35|
Kuthi kuze kuye uYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, besithi, Mfundisi, sithanda ukuba usenzele into esothi siyicele.
-
36
|Marcos 10:36|
Wathi ke yena kubo, Nithanda ukuba ndinenzele ntoni na?
-
37
|Marcos 10:37|
Bathi ke bona kuye, Siphe ukuhlala, omnye ngasekunene kwakho, nomnye ngasekhohlo kwakho, ebuqaqawulini bakho.
-
38
|Marcos 10:38|
Wathi ke uYesu kubo, Aniyazi into eniyicelayo: ninako na ukuyisela indebe endiyiselayo mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi ke bona kuye, Sinako.
-
39
|Marcos 10:39|
Wathi ke uYesu kubo, Okunene indebe endiyiselayo mna, niya kuyisela; nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna, niya kubhaptizwa kwangalo;
-
40
|Marcos 10:40|
kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam, asikwam ukupha ngako, ngaphandle kokupha abo kulungiselwe bona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5