-
-
Xhosa
-
-
41
|Marcos 10:41|
Bevile abalishumi, baqala ukubacaphukela ooYakobi noYohane.
-
42
|Marcos 10:42|
Ke kaloku, uYesu ebabizele kuye, uthi kubo, Niyazi ukuba abo kuthiwa balawula iintlanga, bayazigagamela; nabo bazizikhulu zazo benza ngegunya kuzo.
-
43
|Marcos 10:43|
Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba efuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
-
44
|Marcos 10:44|
nosukuba efuna ukuba ngowokuqala, makabe ngumkhonzi wabo bonke;
-
45
|Marcos 10:45|
kuba noNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
-
46
|Marcos 10:46|
Baza kufika eYeriko. Ekuphumeni kwakhe eYeriko apho, nabafundi bakhe nendimbane elingeneyo, unyana kaTimeyu, uBhartimeyu, imfama, waye ehleli ngasendleleni engqiba.
-
47
|Marcos 10:47|
Wathi akuva ukuba nguYesu waseNazarete, waqala ukudanduluka wathi, Yesu nyana kaDavide, ndenzele inceba.
-
48
|Marcos 10:48|
Baye abaninzi bemkhalimela ukuba athi tu; kwaba kokukhona ke wadandulukayo ngakumbi, esithi, Nyana kaDavide, ndenzele inceba.
-
49
|Marcos 10:49|
Wema uYesu wathi, Makabizwe. Bayibiza ke imfama, besithi kuyo, Yomelela, sukÂ’ ume; uyakubiza.
-
50
|Marcos 10:50|
Ithe ke yona, ilahle ingubo yayo, yesuka yeza kuYesu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21