-
-
Xhosa
-
-
11
|Marcos 10:11|
Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa.
-
12
|Marcos 10:12|
Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza.
-
13
|Marcos 10:13|
Baye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo.
-
14
|Marcos 10:14|
Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
-
15
|Marcos 10:15|
Inene ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo.
-
16
|Marcos 10:16|
Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo, wamana ebasikelela.
-
17
|Marcos 10:17|
AkubonÂ’ ukuba uyaphuma, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?
-
18
|Marcos 10:18|
Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela-nguThixo.
-
19
|Marcos 10:19|
Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.
-
20
|Marcos 10:20|
Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21