-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 3:1|
Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo.
-
2
|Marcos 3:2|
Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele.
-
3
|Marcos 3:3|
Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi.
-
4
|Marcos 3:4|
Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu.
-
5
|Marcos 3:5|
Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.
-
6
|Marcos 3:6|
Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise.
-
7
|Marcos 3:7|
Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda,
-
8
|Marcos 3:8|
naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye.
-
9
|Marcos 3:9|
Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini.
-
10
|Marcos 3:10|
Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7