-
-
Xhosa
-
-
11
|Marcos 3:11|
nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo.
-
12
|Marcos 3:12|
Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.
-
13
|Marcos 3:13|
Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.
-
14
|Marcos 3:14|
Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,
-
15
|Marcos 3:15|
babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.
-
16
|Marcos 3:16|
YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;
-
17
|Marcos 3:17|
yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;
-
18
|Marcos 3:18|
yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,
-
19
|Marcos 3:19|
noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.
-
20
|Marcos 3:20|
Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3