-
-
Xhosa
-
-
31
|Marcos 3:31|
Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.
-
32
|Marcos 3:32|
Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.
-
33
|Marcos 3:33|
Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?
-
34
|Marcos 3:34|
Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.
-
35
|Marcos 3:35|
Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21